
Kufote uSally Giles

Esi sihlomelo sibhalwe kwiMondi Rotogloss 55 gm2





Amakhasi Olutsha 
IMISEBENZI


Ukufundisa amabanga aphantsi
Ititshala yesikolo samabanga aphantsi ifundisa abantwana abakwiBanga loku-1 ukuya kwele-5. Nguye ofundisa abantwana imini yonke okanye zonke izifundo eKlasini .
UPaul Zuma ufundisa kwisikolo samabanga aphantsi. Uthi kunzima ukufundisa abantwana bala mabanga. kwisikolo samabanga aphantsi ninika abantwana isiseko sokufunda. Ukungakwazi ukufunda nokubhala, nokungazazi izibalo zizinto ezibonisa ukuba umntwana akakhange afundiseke esemncinane.
Ootitshala bamabanga aphantsi kufuneka babe nolwazi oluphangaleleyo ukuze babe nako ukuphendula imibuzo yabafundo yamihla le. Nangona abafundi besebancinane, babuza imibuzo emininzi. Kufuneka usoloko umile ixesha elininzi uphendula imibuzo yabo.
Ngaba ukulungele ukuba yititshala yamabanga aphantsi? Okanye ngaba ubona kubhetele ukufundisa abantwana bamabanga aphakamileyo?

ititshala yamabanga aphakamileyo
UMay Summers ufundisa kwisiko samabanga aphakamileyo eGauteng. Uneminyaka engaphaya kweli-10 efundisa yaye wakhetha ukufundisa kwisikolo samabanga aphakamileyo ukuze abe nako ukufundisa izifundo azithandayo. Umsebenzi wokufundisa ngowona uthandwayo ekhaya. Utata wayeyititshala . Wayefundisa iScience waza ngokuhamba kwexesha wayinqununu. Nangona utata wayeyititshala , ndandingalindelanga ukuba nam ndiza kuba yititshala .
Abantu abaninzi baqale bacinge ukuba ulula umsebenzi wokuba yititshala  kuba usebenza iiyure ezimbalwa yaye kukho iiholide ezininzi. Eneneni akunjalo. Ootitshala abaninzi esithethe nabo bathe ixesha elininzi ngorhatya balungiselela imini elandelayo okanye bamakisha iincwadi.

Kodwa zininzi iiholide? Ootitshala abaninzi bahamba namaqela emidlalo ezikolo , bacwangcise izifundo baqokelele nezinto abaza kuzisebenzisa kwikota ezayo xa kuziiholide .

Kufuneka ukuthande ukuba yititshala , uthande abantu yaye usithande nesifundo osihlohlayo ukuze wonwabe kulo msebenzi. UMay ufundisa isiNgesi neHistory . Ndiyakuthanda ukufundisa kwisikolo samabanga aphakamileyo. Kuyonwabisa ukufundisa abantwana kula mabanga kuba bayakwazi ukuzicingela ngokwabo yaye banamacebo abathi gqi nawo. Phofu ke asingabo bonke abafundi abanentsebenziswano. Ndisoloko ndilindele ukuba bonke abafundi bazimisele emsebenzini wabo. Kodwa akunjalo. Kufuneka uzame ukuba bakuthobele kwaye oko akululanga. Imini nganye ilucelo-mngeni.

Iinkcukacha
Yonke iminyaka amawaka-waka abafundi benza izicelo kwiiyunivesithi neekholeji befuna izithuba zokufundela ubutitshala . Maxa wambi iikholeji zifumana izicelo eziyi-12 000 nangona inezthuba zabafundi .abangama-300 kuphela.

Ubulumko kukwazi ukuba ufuna ukufundisa awaphi amabanga nokuthi ufuna ukufundisa eziphi izifundo. Banqongophele Ootitshala ezilalini kanti banqabile abeMaths neScience kwizikolo zamabanga aphakamileyo.

Iiyunivesithi ezininzi zinezifundo zesidanga ezithatha iminyaka emine, ezeDiploma kunye nezifundo zonyaka omnye wakuphumelela izifundo zakho zesidanga.

Iikholeji zinezifundo zeDiploma ezithatha iminyaka emithathu. Xa ufuna ukugxininisa kwizifundo ezithile, kuya kufuneka wenze nonyaka wesine.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, bhalela iSebe loBhaliso-bafundi kwikholeji okanye iyunivesithi ekufutshane nawe.








Umntu owenza umyolelo obhaliweyo kufuneka asayine kwiphepha ngalinye nasekupheleni komyolelo. Xa engakwazi ukusayina kuba engakwazi ukubhala nokufunda unokucela umntu amsayinele. Kufuneka basayine nango-X. Emva koko kufuneka baye kwiCommissioner of Oaths okanye uMantyi ukuze naye asayine . Uya kuqhoboshela isiniqisekiso somntu owenze umyolelo obhaliweyo.






Amakhasi Abadala
UMTHETHO

Ukhe ucinge ngokwenza umyolelo obhalwe phantsi? Ukuba akukacingi, akunguwe wedwa onjalo. Uninzi lwethu alucingi ngokufa. Umyolelo obhalwe
phantsi ubalulekile xa ufuna ukuqinisekisa ukuba izinto onazo zifunyanwa ngabantu abafanelekileyo wakusweleka. UTyhila Ufunde ukubonisa indlela

yokwenza umyolelo obhalwe phantsi.

Ukwenza umyolelo obhaliweyo
Zininzi izinto ekufuneka zilungiswe lusapho lwakho  kufuneka isayinwe ngumntu owenza wakusweleka. Kufuneka uthengelwe umyolelo
umkhumbi, iindleko zomngcwabo nokwaba
izinto zakho. Unokulunceda ngokwenza umyolelo
obhaliweyo ungekafi.

Lo myolelo uya kuchazela usapho lwakho ukuba luzabe njani iimpahla zakho xa sewuswelekile. Abantu abadla ngokudla ilifa ngabantu bosapho, kodwa nabahlobo banokufumana nemibutho ethile.

Ukusweleka uwenzile umyolelo obhaliweyo
Nabani na unokuwenza umyolelo obhaliweyo. Kufuneka ube neminyaka engaphezulu kweli-16, uphile engqondweni yaye uwubhale unganxilanga. Kuba imiyolelo ingafundwa wakufa kuphela umntu, yinto entle ukufumana igqwetha eliza kukujongela wona.

Ukuze umyolelo nje ube semthethweni
kufuneka ibe nezinto eziliqela:

Kufuneka ubhalwe phantsi;

Kufuneka kubekho amangqina
amabini.

La mangqina akafumani nto kulo myolelo. Ubukho bawo kukuba abone umntu owenza umyolelo xa ewusayina . Kufuneka nawo asayine ezantsi kwiphepha ngalinye
lomyolelo.






ka Bongi Patrick Nxumalo of P45 , Pretoria , 0001

1)	Ndiyayitshabalalisa yonke imiyolelo endiyibhale ngaphambili.

2)	Ndikhetha umntu oza kwaba ilifa lam ukuba kube nguBRUNO NXUMALO wakwaP43 ePitoli , yaye ndiyalela ukuba ngokukaNothimba weNkundla ukuba amkhusele ekwenzeni kakuhle umsebenzi wakhe.

3)	Ndishiya imoto yam eyiToyota Corrolla 1300 SXT 3450T ebomvu kumntakwethu uSANDILE NXUMALO wakwaP45 ePitoli , xa egqibe izifundo zakhe zeBEd eUniversity of Western Cape ngoDisemba ka-1996. Xa kungenjalo umkhuluwa wam, uBRUNO NXUMALO uyafanele ayifumane imoto .

4)	Ndishiya imali eyi-R100 000 , nazo zonke iipholisi zam zeinshorensi kwintombi yam, uNANDI NXUMALO. Xa ndife esemncinane kakhulu, lo mali uya kuyigcinelwa ngumama, uTHANDI NXUMALO. I-R75 000 ebuncinaneni bemali efunyenwe yintombi yam ifanele igcinelwe ukufunda akugqiba isikolo .

5)	Ezinye izinto zam ndizishiya kwintombi ebendiza kutshata nayo, uTHABOLE SIBISI wakwaK34 ePitoli . Xa esweleke ngaphambi kwam, ziza kufunyanwa ngumama ezo zinto, uTHANDI NXUMALO.

6)	Ndisayine kukho amangqina eThekwini ngomhla we-16 kuJulayi ka-1996, kanti nawobebekho yaye bandibonisela xa ndisayina lomyolelo ubhaliweyo

Bongi Nxumalo

Amangqina


Kufuneka kubekho
amangqina amabini
xa usayina umyolelo
obhalwe phantsi.

BONA XHOSA - October 1996 19
Amakhasi Abadala









Xa ufuna ukwenza umyolelo, qha ungazi ukuba ufanele uthini, tsalela umnxeba igqwetha. Xa ungenayo imali , unokuthetha nebhanki yakho. Ezinye iibhanki ziyabanceda abaxumi bazo ekubhaleli imiyolelo. Xa ungalufumani uncedo lwebhanki okanye olwegqwetha, thenga incwadi yokubhala umyolelo kwiivenkile yeencwadi uze uwubhale ngokwakho.

Ukhumbule ukuba unako ukuwutshintsha umyolelo osele uwenzile. Unokuwurhazula owokuqala okanye utshintshe loo ndawo ufuna ukuyitshintsha. Xa ufuna ukongeza okuthite kufuneka basayine kwakhona abantu ababengamangqina

Umyolelo wokugqibela
nokusebenza kwawo
Kubalulekile ukwenza umyolelo obhalwe phantsi. Kufuneka ubhalwe ngolwimi oluya kulandeleka lula kuloo mntu uqinisekisa ukuba kuqhutywa ngendlela otsho ngayo ukuze angabhideki. Makhe sijonge umyolelo kaBongi Nxumalo nokusebenza kwawo.


AbakwaMondi Paper banqwenelela iBona eminye iminyaka engama-40 yempilo











Amakhasi Abadala
UMTHETHO

Ngoku phendula le 	Ukufa ungawenzanga umyolelo obhalwe phantsi
mibuzo ilandelayo	Uninzi lwabantu aluyenzi imiyolelo ebhaliweyo ngaphambi kokuba
. .	bafe. Abanye bayayenza imiyolelo kodwa bangayenzi ngendlela
1. Ngubani oza kudla ilifa	efanelekileyo ize ingamkeleki lo miyolelo. Kwezinye iintsapho imiyolelo likaBongi xa esweleke ngomhla	 yenza iingxaki ezininzi  abantwana, abafazi, oomama nezalamane we-17 kuAgasti 	zilwe ngezinto zelifa.
1996?	Umthetho kufanele kwenzeke oku kulandelayo xa umntu efe
2. Ngubani oza kwaba ilifa	engawenzanga umyolelo obhaliweyo.
likaBongi?	Umfazi okanye indoda idla ilifa xa bengekho abantwana okanye
3. Kuya kwenzeka ntoni kwimali	abazukulu.
uBongi ayishiyele uNandi xa esemncinane ngexesha lokufa kwakhe?	Abantwana baya kudla ilifa xa lingekho iqabane lomtshato liya kufumana okulinganayo nokufunyenwe ngabantwana okanye i-R125 00 . Abantwana baya kwabelana

4. Ngaba uBongi uya		ngenye imali .
kuyifumana imoto ?	Xa kungekho bantwana neqabane lomtshato, umzali ngamnye ufumana isiqingatha selifa.
5. Xa uBongi nentombi aza	. .
kuncuma nayo besweleka engozini 	Abantwana abobakhulisa ingebobakho bafumana yonke into yemoto , ngubani oya kufumana ilifa likaBongi?yakho.	Xa umntu oswelekileyo engenazo izalamane zegazi impahla yakhe idliwa ngurhulumente.
Xa ufuna ukuceba kakuhle imicimbi yakho, yenza umyolelo obhaliweyo!
Oko kuya kuthintela iingxaki.

Ilifa liya kudliwa ngabantwana
xa lingekho iqabane lomntu
oswelekileyo.















Kufote uSally Giles



nabakwaNatal Newspapers



inkampani ephambili ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawemfundo
14 BONA XHOSA - October 1996

18 BONA XHOSA - October 1996

	Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper

20 BONA XHOSA - October 1996

